src
stringlengths
4
626
tgt
stringlengths
4
637
score
float64
0.6
0.97
free training the cipc also recently launched free online training platform learnibiz to help small, medium and micro enterprise directors and entrepreneurs build their capacity to run successful businesses, while ensuring they comply with the legal requirements.
uqeqesho lwasimahla icipc isandu kuphehlelela iqonga loqeqesho lasimahla kwiintanethi ilearnibiz ukunceda abalawuli bamashishini amancinci, aphakathi kunye nasakhasayo kunye noosomashishini ukuze bakhulise izakhono zabo zokuqhuba amashishini anempumelelo, ngelixa beqinisekisa ukuba bathobela iimfuno zomthetho.
0.890276
"the platform is a digital study guide and includes video tutorials and a selfexamination for each of the seven modules," said shakung.
eli qonga sisikhokelo sokufunda esidijithali kwaye sibandakanya izifundo zevidiyo kunye nokuzivavanya kwimodyuli nganye kwezi zisixhenxe," utshilo ushakung.
0.899132
the modules include training on what a company and a director is, key persons in a company, responsibilities of a director, personal financial interests and conflict of interest, re muneration of directors and distributions and the board of directors.
iimodyuli zibandakanya uqeqesho lokuba yintoni inkampani kunye nomlawuli, abantu abaphambili kwinkampani, uxanduva lomlawuli, umdla wobuqu kwezezimali kunye nokungqubana kwemidla, umvuzo wabalawuli nokwabelana ngeenzuzo kunye nabalawuli bebhodi.
0.903646
to register for the training, visit www.
ukubhalisela uqeqesho, yiya kuwww.
0.814271
elearning@cipc.co.za.
elearning@cipc.co.za.
0.908381
companies tribunal dr mohammed chicktay, the chairperson of the ct, explained that the entity helps provide a speedy resolution in company disputes, relating to applications and complaints made in terms of the companies act no.
inkundla yeenkampani ugqr mohammed chicktay, usihlalo wect, ucacise wathi eli qumrhu linceda ngokunika isisombululo esikhawulezayo kwiimbambano zenkampani, ezinxulumene nezicelo kunye nezikhalazo ezenziwe ngokomthetho weenkampani nomb.
0.908012
71 of 2008. these include disputes relating to company names, directorship and exemption from establishing social and ethics committees.
71 ka2008.
0.646518
it also reviews compliance notices issued by the cipc, relating to time extensions to prepare annual financial statements and convene annual general meetings.
ikwahlola izaziso zokuthobela ezikhutshwe yicipc, ezimalunga nokwandiswa kwexesha lokulungiselela iingxelo zemali zonyaka kunye nokubiza iintlanganiso zikawonkewonke zonyaka.
0.896417
"the ct deals with various applications.
"ict ijongene nezicelo ezahlukeneyo.
0.85609
during covid19, for example, we received many applications for an extension of the date to convene an annual general meeting," said chicktay.
umzekelo, ngexesha lecovid19, sifumene izicelo ezininzi zokwandiswa komhla wokubiza intlanganiso kawonkewonke yonyaka," utshilouchicktay.
0.912182
another free service offered by the ct is dispute resolution.
enye inkonzo yasimahla enikezwa yict kukusombululaimbambano.
0.873557
a person may refer a matter for resolution by mediation, conciliation or arbitration, as an alternative to going to court.
umntu angathumela umba ukuba usonjululwe ngolamlo, ngoxolelwaniso okanye ngokwahlulwa, njengenye indlelayokuya enkundleni.
0.860989
covid19 corruption perpetrators brought to book vukuzenzele unnamed individuals and companies who were involved in corruption relating to the gov ernment’s procurement of coronavirus disease (covid19) goods and services are being held accountable for their actions.
abenzi borhwaphilizo lwecovid19 baziswe ngaphambili vukuzenzele unnamed abantu kunye neenkampani ezibandakanyeka kurhwaphilizo olunxu lumene nokuthengwa kweempahla neenkonzo zentsholongwana yecorona (icovid19) zikarhu lumente bayaphenduliswa ngezenzo zabo.
0.905213
the special investigation unit’s (siu) final report on its probe into allegations relating to any misuse of covid19 funds, across all spheres of government and the private sector was recently authorised for release to the public by president cyril ramaphosa.
ingxelo yeyunithi yophando ekhethekileyo (isiu) emalunga nophando lwayo lwezityholo ezinxulumene nokusetyenziswa gwenxa kwemali yecovid19, kuwo onke amanqwanqwa karhu lumente kunye namacandelo abucala.
0.837409
in july 2020, president ramaphosa authorised the investigation by the siu.
kutsha nje umongameli ucyril ramaphosa ugunyazise ukuba ikhululelwe uluntu.
0.742847
at the time, he gave his commitment that if the siu found evidence that a criminal offence had been committed, it would be obliged to refer the evidence to the national prosecuting authority (npa).
le ngxelo linyathelo elibalulekileyo lokulwa u rhwaphilizo kunye nolawulo olugwenxa kumacandelo karhulumente nawabucala, utshilo umongameli.
0.614678
the siu was also aut horised to institute civil proceedings for the recovery of any damages or losses incurred by the state.
kweyekhala ngowama2020, umongameli ramaphosa wagunyazisa uphando lwesiu.
0.623366
report findings the siu investigated 5 467 contracts awarded to 3 066 service providers, worth a total of r14.3 billion.
ngelo xesha ke waye wazibophelela ngelithi ukuba ngaba isiu ifumene ubungqina bokuba kwenziwe ityala lolwaphulomthetho, iya kunyanzeleka ukuba idlulisele ubungqina kwigunyabantu lezotshutshiso lesizwe (inpa).
0.629821
the investigation into 4 549 contracts have been finalised, and 2 803 of these were found to be irregular.
ingxelo yeziphumo isiu iphande iikhontrakthi ezingama5 467 ezinikwe ababonelelinkonzo aba ngama3 066, ezixabisa ir14.3 yeebhiliyoni zizonke.
0.754266
this amounts to 62% of the finalised investigations.
uphando kwiikhontrakthi ezingama4 549 sele luqukunjelwe, kwaye ezingama 2 803 kuzo zafunyanwa zingekho mgaqweni.
0.608977
"this investigation targeted individuals and institutions who believed they could exploit a moment of national vulnerability to enrich themselves and those with whom they colluded to abuse public resources," the president said.
umongameli uthe, "olu phando lujolise kubantu kunye namaziko akholelwa ukuba angasebenzisa ixeshana lokuba semngciphekweni kwesizwe ukuze bazityebise kunye nabo bathe basebenzisana nabo ukusebenzisa kakubi izixhobo zoluntu."
0.877228
he added it was unacceptable that so many contracts associated with saving lives and protecting livelihoods were irregular, unlawful or fraudulent.
wongeza ngelithi akwamkelekanga kwaphela ukuba iikhontrakthi ezininzi ezinxulunyaniswa nokusindisa ubomi kunye nokukhusela iindlela zokuziphilisa kwabantu zazingekho mgangathweni, zingekho mthethweni okanye zinobuqhophololo.
0.885076
"this investigation demonstrates our determination to root out corruption and to deal with perpetrators," said president ramaphosa.
"olu phando lubonakalisa ukuzimisela kwethu ekuncothuleni neengcambu urhwaphilizo kwanokujongana nabenzi bobubi," utshilo umongameli ramaphosa.
0.896469
the final report details matters that the siu has referred to the npa, departments and entities in the public sector and other parties.
ingxelo yokugqibela inika iinkcukacha ngemiba esele isiu iyigqithisele kwinpa, amasebe namaqumrhu kwicandelo likarhulumente nakwamanye amaqela.
0.890563
the npa will finalise the process of bringing wrongdoers to book and addressing weaknesses identified by the siu investigation, the president explained.
umongameli ucacise wathi, inpa iza kuqukumbela inkqubo yokuzisa abenzi bobubi entolongweni kunye nokujongana nobuthakathaka obuqatshelwe luphando lwesiu.
0.873361
action taken since the start of the investigation, the siu, working with other agencies, has made the following progress: 45 matters, with a combined value of r2.1 billion, have been enrolled with the special tribunal on corruption, fraud and illicit money flows.
inyathelo elithatyathiweyo oko luqalile uphando, isiu, isebenzisana nezinye iiarhente, yenze le nkqubela ilandelayo: imiba engama45, enexabiso elidityanisiweyo ler2.1 yeebhiliyoni, iye yabhaliswa kwinkundla eyodwa yorhwaphilizo, ubuqhophololo kunye nokuhamba kweemali ngokungekho mthethweni.
0.912331
the special tribunal has a statutory mandate to recover public funds stolen through corruption, fraud and illicit money flows, and take civil action against perpetrators; 224 cases have been referred for disciplinary action against officials in government departments or entities; 386 cases have been referred to the npa...
inkundla ekhethekileyo inegunya elisemthethweni lokubuyisela iimali zoluntu ezibiwe ngorhwaphilizo, ubuqhetseba kunye nokuhamba kwemali ngokungekho mthethweni, kwaye ithathele amanyathelo omthetho kubaphulimthetho; amatyala angama224 athunyelwe ukuze kuthathwe amanyathelo oluleko ngakumagosa kumasebe okanye amaqumrhu k...
0.893685
according to the report, a total of r551.5 million (value of cash and assets) is to be recovered, while r34.2 million has been recovered to date.
ngokwengxelo, yir551.5 yezigidi zeerandi (ixabiso lemali nempahla) eza kubuyiswa, ngelixa ir34.2 yezigidi sele ibuyisiwe ukuza kuthi ga ngoku.
0.830971
the investigation prevented a r114.2 million loss, and set contracts aside valued at r170.4 million.
olu phando luthintele ilahleko yer114.2 yezigidi zeerandi, laze labekela bucala izivumelwano ezixabisa ir170.4 yezigidi.
0.802277
the siu expects these matters to be completed between march and april 2022, before the submission of a supplementary report to the president at the end of june.
isiu ilindele ukuba le miba igqitywe phakathi kwenyanga yenkwindla nekatshazimpuzi kowama2022, phambi kokuba kungeniswe ingxelo eyongezelelweyo kumongameli ekupheleni kwenyanga yesilimela.
0.900439
cach connects students with learning opportunities silusapho nyanda young people who have not yet secured spots at higher education institutions can turn to the central application clearing house (cach) system for help.
icach idibanisa abafundi namathuba okufunda silusapho nyanda abantu abatsha abangekazifumani iindawo zokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo bangakwazi ukufaka izicelo kwinkqubo yecentral application clearing house (icach) ukuze bafumane uncedo.
0.866749
cach is an online government service managed by the department of higher education and training (dhet).
icach yinkonzo karhulumente efunyanwa kwiintanethi elawulwa lisebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho (idhet).
0.898891
the service helps those who need access to university, technical and vocational education and training (tvet) colleges and skills development opportunities.
le nkonzo inceda abo bafuna ukufikelela kwiiyunivesithi, iikholeji zemfundo yobugcisa noqeqesho (itvet) kwakunye nokufikelela kumathuba ophuhliso lwezakhono.
0.89023
"cach services have been available from 24 january 2022, and will close on 31 march, to assist those who need to enter tertiary education but face challenges with getting space," says minister of higher education and training dr blade nzimande.
"iinkonzo zecach sele ziqalile ukufumaneka ukususela ngomhla wama24 kweyomqungu 2022, kwaye ziza kuvalwa ngomhla wama31 kweyokwindla, ngelokunceda abo bafuna ukungena kumaziko emfundo enomsila kodwa bajongane nemiceli mngeni yokufumana indawo," utshilo umphathiswa wemfundo ephakamileyo noqeqesho ugqirha ublade nzimande...
0.917964
cach can help those who applied for admission to a university or a college on time in 2021, but were not offered a place in a programme of their choice.
icach ingakwazi ukunceda abo abangakhange banikwe ndawo kwizifundo ebebezikhethile, nangona bebefake izicelo zabo zokwamkelwa eyunivesithi okanye ekholejini kwangethuba kunyaka ophelileyo ka2021.
0.83386
the dhet explained that this usually happens when the applicant does not meet the necessary requirements or the institution has reached its limit on the number of students it can enrol.
idhet icacise yathi oku kudla ngokwenzeka xa umfakisicelo engazifezekisi iimfuno ezibalulekileyo zokufaka isicelo okanye xa iziko lifikelele kumda walo othile wenani labafundi elinokubabhalisa.
0.891463
cach can also help those who applied to a higher learning institution and were accepted, but now want to change their courses.
kwakhona icach ingakwazi nokunceda nabo babefake izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo baza bamkelwa, kodwa ngoku bafuna ukutshintsha izifundo zabo.
0.915049
cach will refer individuals to career development services and where possible, provide an opportunity for them to be considered for spaces still available at universities, tvet colleges or sector education and training authority (seta) learnerships, without having to travel to any institution.
icach iza kuthumela abantu kwiinkonzo zophuhliso lwamakhono omsebenzi, ukanti xa kunokwenzeka ingabanika nezithuba ezisafumanekayo kwiiyunivesithi nakwiikholeji zetvet okanye uqeqeshelomsebenzi kwicandelo lemfundo noqeqesho (iseta), nga phandle kokuba umfakisicelo ade axhamleke aye ngeenyawo kulo naliphi na iziko.
0.874466
all public universities, tvet colleges and setas can access the cach database to search for individuals who meet the criteria for available spaces.
zonke iiyunivesithi zikarhulumente, iikholeji zetvet kwakunye neeseta zizakukwazi ukufikelela kwiziko ledatabase yecach zikhangela abantu abahlangabezana nemilinganiselo yezithuba ezisafumanekayo.
0.896488
"institutions select individuals from the cach database and make direct contact with those they have selected," says dhet spokesperson ishmael mnisi.
"amaziko akhetha abantu kwiziko ledatabase yecach ze aqhagamshelane nabo ngqo abo bathe babakhetha," sitshilo isithethi sedhet uishmael mnisi.
0.904867
new laws strengthen the fight against gbv vukuzenzele unnamed late last year, i received a letter from a group of concerned citizens calling on the government to protect the women and children of this country from violence.
imithetho emitsha izakuqinisa amasolotya edabi lokuchasana negbv vukuzenzele unnamed ngasekupheleni konyaka ophelileyo, ndafumana ileta esuka kwiqela la bemi abaxhalabileyo becela urhulumente ukuba akhusele amanina nabantwana beli lizwe ebundlobongeleni.
0.912641
pointing to an increase in rape and sexual assault, they wrote that as women they continue to live in fear; they are losing their faith in the law.
kule leta babecacisa ngokwanda kodlwengulo nokuxhatshazwa ngokwesini, babhala ukuba njengamabhinqa basaqhubeka bephila ngoloyiko; nokulahlekelwa lithemba kwabo kwezomthetho.
0.907773
i was deeply moved and touched by their account of the fear that the women of our country are subjected to on a daily basis.
ndachukumiseka kakhulu ke kukuva amanina eli lizwe lethu ekhala ngoloyiko lwawo ngenxa yokuphathwa gadalala mihla le.
0.782411
in response to the suffering that women and children are subjected to, we have passed laws designed to protect them.
ngenzame ke zokusabela kwiimbandezelo abafazi nabantwana aba phantsi kwazo siye sawisa imithetho eyenzelwe ukubakhusela.
0.846586
but despite penalties to remove perpetrators from society, women and children continue to suffer and die.
nangona kukhona izohlwayo zokushenxisa abenzi bobubi eluntwini, amabhinqa nabantwana basaqhubeka bebandezeleka yaye besifa.
0.908774
i recently signed into law three pieces of legislation that honour our promises to strengthen the criminal justice system, promote accountability across the state and put support for survivors at the centre of all our efforts.
kutshanje ndiye ndatyikitya iziqendwana ezintathu zomthetho ezihlonipha izithembiso zethu zokuqinisa inkqubo yobulungisa kulwaphulomthetho, ukukhuthaza ukuphendula kurhulumente wonke, kwa kunye nokubeka phambili inkxaso kumaxhoba kuzo zonke iinzame zethu zokukhusela abasetyhini nabantwana.
0.886322
the new criminal and related matters amendment act protects the vulnerable from secondary victimisation by allowing courts to appoint intermediaries through which a minor, a disabled person or an elderly person can be examined in proceedings.
umthethosihlomelo omtsha wolwaphulomthetho kunye nemiba enxulumene nawo ukhu sela abo basesichengeni sokuxhatshazwa okwesibini ngokuvumela iinkundla ukuba zinyule abameli apho umntwana osemncinane, abantu abakhubazekileyo okanye abolupheleyo behlolwa ngelixa kusaqhuba ityala.
0.864526
it also allows for the extended use of evidence by means of an audiovisual link.
lo mthetho ukwavumela ukusetyenziswa okwandisiweyo kobungqina ngokusebenzisa iteknolojiyokuthetha ngevidiyo.
0.842532
this helps to shield a witness against harm, prevent unreasonable delays and save costs in proceedings.
oku kunceda ukukhusela amangqina kwingozi, ukuthintela ukulibaziseka okungafanelekanga kunye nokugcina iindleko zetyala.
0.873857
the new law also significantly tightens up our bail regime.
umthetho omtsha ukwaluqinisa kakhulu ulawulo lwethu lwebheyile.
0.849013
a prosecutor who does not oppose bail in designated cases must have their reasons placed on record.
umtshutshisi ongayichasiyo ibheyile kumatyala athile amiselweyo kufuneka izizathu zakhe zibhalwe phantsi.
0.869941
the court must consider any threats of violence made against the complainant and the complainant’s view of their own safety.
ingoko ke kuzakufuneka inkundla ithathele ingqalelo naziphi na izigrogriso zobundlobongela ezenziwa ngummangalelwa kummangali kunye nezimvo zommangali ngokhuseleko lwakhe.
0.850885
unless the court is satisfied that exceptional circumstances exist that warrant release on bail, bail must be denied.
ngaphandle kokuba ke inkundla yanelisekile ukuba kukho iimeko ezizodwa ezibangela ukuba kukhululwe ummangalelwa ngebheyile, ibheyile kufuneka ingamkelwa.
0.861758
the new criminal law (sexual offences and related matters) amendment act outlaws sexual exploitation and grooming of persons with mental disabilities, and provides that sexual offences against persons who are mentally disabled must be recorded in the national register of sex offenders (nrso).
umthethosihlomelo omtsha womthetho wolwaphulomthetho (ulwaphulomthetho lwezesondo kunye nemiba enxulumene noko) uyakukhaba ukuxhatshazwa ngokwesondo kunye nokuncwaswa kwabantu abakhubazeke ngengqondo, kwaye ubonelela ngokuba izenzo zolwaphulomthetho ngokwesondo ngakubantu abakhubazeke ngokwasengqondweni mazibhalwe kwir...
0.912396
we have responded to calls to tighten up the management of the nrso.
siye sali sabela ke ikhwelo lokuqinisa ulawulo lwenrso.
0.801546
those who have been convicted of sex crimes against children or mentally disabled persons, have previous convictions in this respect, and have been sentenced to terms longer than 18, months can only apply to have their names removed from the register after 20 years.
abo bakhe babanjelwa izenzo zolwaphulomthetho ngokwesondo kubantwana okanye abantu abakhubazeke ngokwasengqondweni, kwaye babegwetywe ixesha elingaphezu kweenyanga ezili18 bangade bakwazi ukufaka isicelo sokuba amagama abo asuswe kwirejista emva kweminyaka engama20.
0.905678
the act further regulates the reporting duty of people who are aware that sexual offences have been committed against vulnerable persons.
lo mthetho ukwalawula umsebenzi wokunika ingxelo wabantu abaziyo ukuba izenzo zolwaphulomthetho ngokwesondo zenziwe kubantu abase sichengeni.
0.87582
the new domestic violence amendment act takes account of some of the complexities in violent domestic relationships.
umthethosihlomelo omtsha wobundlobongela basekhaya ukwathathela ingqalelo ezinye zeengxaki kubudlelwane basekhaya obunobundlobongela.
0.846593
we have tightened up the process of obtaining protection orders, and broadened the circumstances under which they can be applied for.
siyiqinisile ke nenkqubo yokufumana isithintelo nemiyalelo yokhuseleko, sikwazandisile neemeko zokufaka isicelo somyalelo wokhuseleko.
0.776086
we have addressed the issue of women and children being victimised despite having, or being in process of applying for, a protection order.
nalo mcimbi wabasetyhini nabantwana abaxhatshazwayo nangona kukho, okanye bekwinkqubo yokufaka isicelo somyalelo wokhuseleko siwuso mbulile.
0.805181
if a court believes a complainant is in imminent danger it can issue a protection order immediately without needing to give a respondent notice of the proceedings.
ukuba ngaba inkundla ikholelwa ukubeni ummangali ukufutshane nengozi, inkundla ingakwaziukukhupha umyalelo wokhuseleko ngokukhawuleza ngaphandle kokuba inike ummangalelwa isaziso senkqubo yokuthintela ubudlelwane bakhe nommangali.
0.865675
significantly, if the court releases someone charged with domestic violence on bail who does not have a protection order granted against them, the court must issue one after holding an enquiry.
into ebalulekileyo kwakhona, kukuba ngaba inkundla iyamkhulula u mntu otyholwa ngobundlobongela basekhaya ngebheyile engenawo umyalelo wokhuseleko awunikiweyo, inkundla kufuneka iwukhuphe emva kokuchotshelwa kophando.
0.892928
when the court issues a protection order it must at the same time authorise the issuing of an arrest warrant, suspended, that must be provided to the south african police service (saps).
xa inkundla ikhupha umyalelo wokhuseleko kufuneka kwangaxeshanye ikugunyazise ukukhutshwa kwencwadi egunyazisa ukubanjwa, enqunyanyisiwe, myalelo lowo ekufuneka unikezelwe kwinkonzo yamapolisa omzantsi afrika (isaps).
0.904275
if a saps member suspects a complainant is in danger due to breach of the order, they must arrest the respondent immediately.
ukuba ngaba ilungu lesaps likrokrela ukuba ummangali usengozini ngenxa yokwaphulwa komyalelo, ummangalelwa makabanjwe ngoko nangoko.
0.891583
the act now expressly protects the elderly from all forms of domestic violence, and also permits complainants to apply for protection orders online, saving them time and travel costs.
ngoku lo mthetho ubakhusela ngokucacileyo abantu abadala kuzo zonke iintlobo zobundlobongela basekhaya, kwaye ukwavumela abamangali ukuba bafake izicelo zokhuseleko kwiintanethi, ukonga ixesha kunye neendleko zokuhamba.
0.90349
to protect complainants against further abuse, the court may an issue a safety monitoring notice that will require a member of saps to be in constant contact with the complainant without the knowledge of the abuser.
ukukhusela abamangali kwimpathogadalala eyongezelelekileyo, inkundla ingakhupha isaziso sokujonga ukhuseleko isafety monitoring notice esiya kufuna ukuba ilungu lesaps lisoloko linxibelelana nommangali ngaphandle kolwazi lo mxhaphazi.
0.900345
survivors of gbv often complain of illtreatment or disregard for their concerns when they lay complaints at police stations.
amaxhoba egbv asoloko ekhalazela ukuphathwa kakubi okanye ukungahoywa kweenkxalabo zawo xa efaka izikhalazo kwizikhululo zamapolisa.
0.873327
saps members who fail to comply with their obligations under the new law will be guilty of misconduct.
phantsi kwalo mthetho mtsha amalungu esaps asilelayo ukuthobela izibophelelo zawo ayakuba netyala lokuziphatha kakubi.
0.835746
all adult persons who have knowledge or suspicion that domestic violence is being perpetrated against a child, a person with a mental disability or an elderly person are obliged to report such acts to a social worker or to the police.
bonke abantu abadala abanolwazi okanye abakro krela ukuba ubundlobongela basekhaya benziwa emntaneni, umntu okhubazeke ngokwengqondo okanye umntu osele ekhulile banyanzelekile ukuba baxele izenzo ezinjalo kunontlalontle okanye emapoliseni.
0.903392
failure to do so is a criminal offence.
ukusilela ukwenza oko kuzakuba lityala lolwaphulomthetho.
0.859538
sona 2022: bettering lives and livelihoods vukuzenzele unnamed government is committed to putting people first, and has given itself 100 days to finalise a plan to involve all sectors of society in growing south africa’s economy, creating jobs and combating hunger.
isona ka2022: ukwenza ubomi neendlela zokuziphilisa ngcono vukuzenzele unnamed urhulumente uzibophelele ukuqinisekisa ukuba abantu baba yeyona nto ibalulekileyo, kwaye uzinike iintsuki ezili100 ukugqibezela isicwangciso esibandakanya onke amacandelo asekuhlaleni ukukhulisa uqoqosho lomzantsi afrika, ukudala imisebenzi ...
0.891101
this was emphasised by president cyril ramaphosa in his 2022 state of the nation address.
oku kuye kwagxininiswa ngumongameli cyril ramaphosa kwintetho yakhe engobume besizwe ka2022.
0.869225
"this work will build on the foundation of the economic reconstruction and recovery plan, which remains our common programme to rebuild the economy," he said.
"lo msebenzi uza kukwakha isiseko sesicwangciso sokwakhiwa ngokutsha nokuvuselelwa koqoqosho, nto leyo eseyinkqubo yethu sonke yokwakha kwakhona uqoqosho," utshilo.
0.901084
the president said government’s priorities are overcoming the coronavirus disease (covid19) pandemic, building infrastructure, increasing local production, creating jobs and addressing the energy crisis.
umongameli uthe izinto eziphambili kurhulumente kukoyisa ubhubhane wesifo sentsholongwane yecorona (icovid19), ukwakha amaseko, ukonyusa iimveliso zeli, ukudala imisebenzi nokulungisa ingxaki yamandla ombane.
0.900178
"if there is one thing we all agree on, it is that the present situation – of deep poverty, unemployment and inequality – is unacceptable and unsustainable."
"ukuba kukho into enye esivumelana ngayo sonke, kukuba le meko ikhoyo ngoku – yentlupheko enzulu, intswelangqesho nokungalingani – ayamkelekanga kwaye ayinakho ukuhlala inje."
0.909778
creating jobs last year, the unemployment rate reached its highest recorded level of 34.9% in the third quarter, following the financial devastation caused by covid19.
ukudala imisebenzi kulo nyaka uphelileyo, izinga lentswelangqesho liye lafikelela kwelona nqanaba liphezulu elakhe labonwa lama34.9% kwikota yesithathu, emveni kwentshabalalo ebangelwe yicovid19.
0.909843
"we all know that government does not create jobs.
"sonke siyazi ukuba urhulumente akadali misebenzi.
0.901577
business creates jobs.
ngamashishini adala imisebenzi.
0.675654
the key task of government is to create the conditions that will enable the private sector – both big and small – to emerge, to grow, to access new markets, to create new products, and to hire more employees," he said.
owona msebenzi karhulumente ubalulekileyo kukudala iimeko eziza kwenza ukuba icandelo labucala – elincinci nelikhulu – livele, likhule, likwazi ukungena kwiimarike ezintsha, livelise iimveliso ezintsha, nokuba liqeshe abantu abongezelelekileyo," utshilo.
0.912995
around 80% of employed people work in the private sector.
malunga ne80% yabantu abaqeshiweyo basebenza kwicandelo labucala.
0.85106
the president said government will introduce a new loan guarantee scheme to help small businesses recover.
umongameli uthe urhulumente uza kukwazisa inkqubo entsha yokuqinisekisa imalimboleko ukunceda amashishini amancinci ukuba achache kwakhona.
0.883854
the presidential employment stimulus programme, which has already supported over 850 000 employment opportunities, will be stepped up.
inkqubo yoburhulumente yovuselelo lwengqesho, esele ixhase ngaphaya kwamathuba engqesho angama850 000, iza konyuswa.
0.882977
most of the beneficiaries were young people; over 60% were women.
uninzi lwabaxhamli ibingabantu abancinci; ngaphaya kwe60% ngamanina.
0.909955
the employment stimulus will enable the department of home affairs to recruit 10 000 unemployed youth for the digitisation of paper records, and the social employment fund will create another 50 000 work opportunities.
uvuselelo lwengqesho luza kwenza ukuba isebe lemicimbi yekhaya lifune abantu abatsha abangama10 000 abangaqeshwanga ukuba basebenze ukwenza iingxelo esisemaphepheni zibe dijithali, ingxowamali yentswelangqesho yoluntu iza kudala amanye amathuba omsebenzi angama50 000. isebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho liza kufaka a...
0.829875
the department of higher education and training will place 10 000 unemployed technical and vocational education and training graduates in workplaces from april 2022. the sayouth.
mobi elinceda ulutsha olukhangela imisebenzi lukwazi ukufikelela kumathuba ngoku linolutsha olungaphaya kwezigidi eziyi2.3 olubhalisiweyo.
0.671303
of these, over 600 000 have been placed into employment opportunities.
kwaba, ngaphaya kwama600 000 sele befakwe emisebenzini.
0.838127
"a revitalised national youth service will recruit its first cohort of 50 000 young people during the next year [2023], creating opportunities for young people to contribute to their communities, develop their skills and grow their employability."
"inkonzo yesizwe yolutsha evuselelweyo iza kukhangela iqela layo lokuqala labantu abatsha abangama50 000 kulo nyaka uzayo [ku2023], ibe idalela abantu abatsha amathuba okuba negalelo kwiindawo abahlala kuzo, ukuphuhlisa izakhono zabo nokukhulisa ukuqesheka kwabo."
0.934282
srd grant continuesthe covid19 social relief of distress (srd) grant, which has helped over 10 million unemployed people, has been extended for another year – to the end of march 2023. in addition, government and its partners will look at ways to continue to support people in financial distress in a manner that is affo...
isibonelelo sesrd siyaqhubeka isibonelelo sesiqabu senkxwaleko (isrd) secovid19, esele sincede ngaphaya kwezigidi ezili10 zabantu abangaphangeliyo, sandisiwe ngomnye unyaka – de kube sekupheleni kweyokwindla 2023. ngaphaya koko, urhulumente nabo asebenza nabo baza kukhangela iindlela zokuqhubeka nokuxhasa abantu abapha...
0.910642
access to land government is moving ahead with land reform and anticipates the approval of the expropriation bill this year.
ukufikelela kumhlaba urhulumente uyaqhubeka nohlaziyo lomhlaba kwaye ulindele ukuba umthetho oyilwayo wokoxhuthwa komhlaba upasiswe kulo nyaka.
0.868701
the establishment of the agriculture and land reform development agency will also be finalised this year.
ukusekwa kwearhente yohlaziyo nophuhliso lolimo nomhlaba nako kuza kugqitywa kulo nyaka.
0.853548
"the department of public works and infrastructure will finalise the transfer of 14 000 hectares of state land to the housing development agency," the president said.
"isebe lemisebenzi yoluntu namaseko liza kugqiba ukutshintshelwa kweehektare ezingama14 000 zomhlaba karhulumente uye kwiarhente yophuhliso lwezindlu," utshilo umongameli.
0.917918
he added that there is enough arable land to support millions of thriving smallscale farmers in poultry, livestock, fruit and vegetables.
wongeze ngelithi kukho umhlaba owaneleyo olimekayo ukuxhasa izigidi zabalimi abakwizinga elincinci beenkukhu, imfuyo, iziqhamo nemifuno.
0.920548
already, over 100 000 farmers have received input vouchers to expand their production and the programme will be expanded to reach more farmers.
sele kukho ngaphaya kwabalimi abangama100 000 abafumene iivawutsha zeembewu ukwandisa iimveliso zabo kwaye le nkqubo iza kongezwa ukuba ifikelele kubalimi abongezelelekileyo.
0.911833
corruption and crime from instituting the commission of inquiry into state capture, to investigating covid19related procurement contracts, president ramaphosa is leaving no stone unturned when it comes to ending corruption.
urhwaphilizo nolwaphulomthetho ukususela ekusekeni ikomishoni yophando ejonge ukubanjwa kwelizwe, ukuya ekuphandeni izivumelwano zokuthengwa kwezinto ezoyamene necovid19, umongameli ramaphosa uguqulula yonke into xa kufikelelwa ekupheliseni urhwaphilizo.
0.892298
"none of our efforts to revive our economy will succeed if we do not tackle the scourge of corruption once and for all," the president said.
"akho nanye kwiinzame zethu zokuvuselela uqoqosho eliza kuphumelela ukuba asilwi esi sibetho sorhwaphilizo kube kanye," utshilo umongameli.
0.894727
by no later than 30 june 2022, he will present a plan of action in response to the commission’s recommendations.
ungagqithanga umhla wama30 kweyesilimela, uza kuhambisa isicwangciso sentshukumo njengempendulo yeengcebiso zekomishoni.
0.793945
he explained that various government agencies were working together to identify wrongdoers, punish them, and to get looted state money refunded.
ucacise ukuba iiarhente ezahlukeneyo zikarhulumente bezisebenzisana ukuchonga abenzi bobubi, ukubohlwaya, nokuze benze kubuyiswe imali karhulumente ethe yebiwa.
0.914338
safety and security will be strengthened through the recruitment of 12 000 police personnel and the reestablishment of community policing forums.
ukhuselo nokhuseleko luza komelezwa ngokukhangelwa kwabasebenzi bamapolisa abangama12 000 nokusekwa kwakhona kwamaqonga obupolisa asekuhlaleni.
0.903036
fighting gbvf government will also continue to intensify the fight against genderbased violence and femicide (gbvf) this year, through the implementation of the national strategic plan on gbvf.
ukulwa igbvf urhulumente uza kuphinda aqhubeke nokuqinisa umlo ngakubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwabasetyini (igbvf) kulo nyaka, ngokumiselwa kwesicwangciso sesizwe secebo esingegbvf.
0.895022
three new laws are already working to strengthen the criminal justice system and support survivors.
imithetho emithathu emitsha sele isebenza ukomeleza inkqubo yobulungisa yolwaphulomthetho ixhase abo basindileyo.
0.916232