src
stringlengths
4
626
tgt
stringlengths
4
637
score
float64
0.6
0.97
this is according to deputy minister of health dr sibongiseni dhlomo, who explains that, by law, all women have the right to terminate their pregnancy, for free, at a government hospital or clinic during the first 12 weeks.
oku kungokutsho kukasekela mphathiswa wezempilo ugqr sibongiseni dhlomo, ocacisa athi, ngokomthetho, bonke abasetyhini banelungelo lokukhupha isisu, simahla kwisibhedlele okanye kwiklinikhi karhulumente kwiiveki ezili12 zokuqala.
0.898843
"it pains us as government leaders to see our people leaving safe and free health services, for whatever reason, to go and spend the last money they don’t have to pay someone to put their life at risk.
"kuyasikhathaza thina njengeenkokheli zikarhulumente ukubona abantu bethu beshiya iinkonzo zempilo ezikhuselekileyo nezisimahla, nokuba kungasiphi na isizathu, besiya kuchitha imali yokugqibela ekunganyanzelekanga ukuba bayihlawule umntu obeka ubomi babo emngciphekweni.
0.917313
there is no justification for women to correct an unplanned pregnancy with illegal and unsafe aborting because we all make mistakes.
asikho isizathu sokuba abasetyhini balungise ukukhulelwa okungacetywanga ngokuthi bakhuphe isisu ngokungekho mthethweni nangokungakhuselekanga kuba sonke siyazenza iimpazamo.
0.870957
illegal abortion is not an answer," says dr dhlomo.
ukukhupha isisu ngokungekho mthethweni akusosisombululo," utshilo ugqr dhlomo.
0.875575
the department of health has 346 public health facilities that provide safe termination of pregnancy services, he adds.
wongeze ngokuthi isebe lezempilo linamaziko ezempilo oluntu angama346 abonelela ngeenkonzo zokukhupha isisu ngokukhuselekileyo.
0.851339
these are located in the eastern cape (46), free state (16), gauteng (25), kwazulunatal (56), limpopo (54), mpumalanga (27), northern cape (six), north west (26) and western cape (90).
amaziko afumaneka empuma koloni (46), efreystata (16), erhawutini (25), kwazulunatal (56), elimpopo (54), empumalanga (27), emntla koloni (6), emntla ntshona (26) kwaye entshona koloni (90).
0.924703
illegal abortion complications the acting director for maternal child and women’s health at the kwazulunatal department of health, phalanndwa muthuphei, says women can face many complications when having an abortion at an illegal abortion clinic.
iingxaki zokukhupha isisu ngokungekho mthethweni ibambela lomlawuli wenkonzo yezempilo yabantwana neyabasetyhini kwisebe lezempilo kwazulunatal, uphalanndwa muthuphei, uthi abasetyhini bangajongana neengxaki ezininzi xa bekhupha izisu kwiklinikhi yokukhupha isisu engekho mthethweni.
0.855064
"the immediate complications include severe bleeding, tearing of the cervix, severe damage to the genitals and abdomen, internal infection of the abdomen and blood poisoning.
"ezi ngxaki zikhawulezileyo ziquka ukopha kakhulu, ukukrazuka komlomo wesibeleko, umonakalo omkhulu kumalungu angasese nakwisisu, ukosuleleka ngaphakathi esiswini kunye nokutyhefeka kwegazi.
0.89952
"in the longterm, women could face a slightly increased risk of infertility, an ectopic pregnancy, a miscarriage or premature delivery or even death," says muthuphei.
"kwixesha elide, abasetyhini banokujongana nokwanda kancinci komngcipheko wokungazali, ukukhulelwa kwindawo engaqhelekanga, ukuphuncukelwa sisisu okanye ukubeleka phambi kwexesha okanye nokufa," utshilo umuthuphei.
0.88707
"women could also suffer emotional effects from an unsafe, illegal abortion, which include posttraumatic stress disorder, depression and problems with interpersonal relationships.
"abasetyhini basenokuchaphazeleka ngokweemvakalelo ngenxa yokukhupha isisu okungakhuselekanga, ngokungekho mthethweni, okuquka ukuphazamiseka koxinzelelo lwasemva kokwenzakala, ukudakumba kunye neengxaki zobudlelwane phakathi kwabantu.
0.886474
"unsafe abortions can also lead to negative socioeconomic impacts on women, children, families and communities," she adds.
"ukukhupha isisu okungakhuselekanga nako kunokukhokelela kwiimpembelelo zoqoqosho lwentlalo olubi kwabasetyhini, ebantwaneni, kwiintsapho noluntu," wongeze watsho.
0.906063
legal abortion options muthuphei says women who want to end their pregnancy have safe and free options to do so at public clinics and hospitals.
iindlela zokukhupha isisu ezisemthethweni umuthuphei uthi abasetyhini abafuna ukukhupha isisubaneendlela ezikhuselekileyo nezisimahla zokwenza oko kwiiklinikhi nakwizibhedlele zikarhulumente.
0.86745
"a choice of methods should be available, all of which must be performed by a trained and experienced doctor or professional nurse," she adds.
"ukhetho lweendlela kufuneka lube khona, konke kufuneka kwenziwe ngugqirha oqeqeshiweyo nonamava okanye ngumongikazi oqeqeshiweyo," wongeze watsho.
0.919748
the options, either medical or surgical abortion, depend on how far along the woman’s pregnancy is.
ezi ndlela, nokuba kukukhupha isisu ngonyango okanye ngotyando, zixhomekeke kubude bexesha lokukhulelwa kowasetyhini.
0.876234
medical abortion, which involves taking two sets of pills to end the pregnancy, can be done up until nine weeks of pregnancy.
ukukhupha isisu ngonyango, okubandakanya ukusela iipilisi ezimbini ukuphelisa ukukhulelwa, kunokwenziwa de kube ziiveki ezilithoba zokukhulelwa.
0.913645
"the patient would then abort the foetus at home and not at a clinic or hospital," says muthuphei.
"isigulane ngoko ke sinokukhupha isisu ekhaya hayi eklinikhi okanye esibhedlele," utshilo umuthuphei.
0.889567
surgical abortions are performed by a registered nurse (up to 12 weeks) or a doctor (from 12 to 20 weeks).
ukukhupha isisu ngoqhaqho kwenziwa ngumongikazi obhalisiweyo (ukuya kwiiveki ezili12) okanye ngugqirha (ukusuka kwiiveki ezili12 ukuya kwezingama20).
0.929758
according to the choice on termination of pregnancy act no 92 of 1996 (the act), an abortion can also be performed from 13 to 20 weeks if a doctor, after consultation with a pregnant woman, believes that: the continued pregnancy poses an injury risk to the woman’s physical or mental health.
ngokomthetho wokukhetha ukukhupha isisu (umthetho nombolo 92 wowe1996), ukukhupha isisu kunokwenziwa ukusuka kwiiveki ezili13 ukuya kwezingama20 ukuba ugqirha, emva kokubonisana nowasetyhini okhulelweyo, ukholelwa ukuba: ukukhulelwa okuqhubekayo kubangela umngcipheko wokwenzakala kwimpilo yomzimba okanye kweyengqondo y...
0.915719
there’s a substantial risk that the foetus would suffer from a severe physical or mental abnormality.
kukho umngcipheko omkhulu wokuba umntwana ongekazalwa angaba nokukhubazeka okukhulu ngokwasemzimbeni okanye ngokwasengqondweni.
0.836652
the pregnancy resulted from rape or incest.
ukukhulelwa kube sisiphumo sokudlwengulwa okanye umbulo.
0.869142
the continued pregnancy would significantly affect the woman’s social or economic circumstances.
ukukhulelwa okuqhubekayo kunokuchaphazela kakhulu imeko yentlalo okanye eyezoqoqosho kwabasetyhini.
0.830611
an abortion can also take place after the 20th week if a doctor, after consultation with a registered midwife, believes that the continued pregnancy would endanger the woman’s life, result in a severe malformation of the foetus or pose a risk of injury to the foetus.
ukukhupha isisu kusenokwenziwa emva kweveki yama20 ukuba ugqirha, emva kokubonisana nombelekisi obhalisiweyo, ukholelwa ukuba ukukhulelwa okuqhubekayo kunokububeka esichengeni ubomi bowasetyhini, kubangele ukukhubazeka okukhulu kusana olungekazalwa okanye kubangele umngcipheko wokwenzakala kusana olungekazalwa.
0.907617
according to the act, all women, even if they are a minor under the age of 18, have the right to terminate a pregnancy.
ngokomthetho, bonke abasetyhini, nokuba bangaphantsi kweminyaka eli18 ubudala, banelungelo lokukhupha isisu.
0.876062
rising cost of living calls for a united response over the past few months, south african consumers have been hit by steep price increases that have dramatically affected their quality of life.
ukonyuka kweendleko zokuphila kufuna impendulo emanyeneyo kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, abathengi bomzantsi afrika baye bathwaxwa kukunyuka kwamaxabiso okuthe kwachaphazela kakhulu indlela esiphila ngayo.
0.89319
it has become increasingly more expensive to buy food and other essentials, to pay for basic services and to use public or private transportation.
ukutya kuye kwabiza kakhulu kunye nezinye izinto eziyimfuneko, kuquka nokuhlawulela iinkonzo ezisisiseko kunye nokusebenzisa izithuthi zikawonke wonke okanye ezabucala.
0.875758
while these rising costs affect everyone, lowincome households are feeling them the most.
ngelixa ezi ndleko zokonyuka kwezinto kuchaphazela wonke umntu, amakhaya anemivuzo ephantsi ona ava uthwaxeko ngeyona ndlela.
0.820396
the latest consumer price index for april 2022 published by stats sa shows there has been little respite for hardpressed south africans.
isalathisi samaxabiso sabathengi samva nje sika tshazimpuzi wama2022 esipapashwe ezeenkcukachamanani zomzantsi afrika sibonisa ukuba kukho ukuphefumla okuncinci kubemi bomzantsi afrika abacinezelekileyo.
0.869633
food inflation was recorded at 6.2 per cent.
ukonyuka kwamaxabiso okutya kubhalwe kwi6.2 pesenti.
0.872235
the most basic foodstuffs cost more than a year ago, with staples like cooking oil recording the highest increases.
okona kutya kusisiseko kubiza ngaphezulu kunonyaka odlulileyo, ukutya okufana neoyile yokupheka eyonyuke kakhulu ukodlula zonke.
0.846862
the price of fuel, which affects the price of almost everything else, has risen by a third in the twelve months to march 2022. south africa is not alone in this regard.
ixabiso lepetroli, elichaphazela ixabiso phantse lazo zonke izinto, linyuke ngesithathu kwiinyanga ezilishumi elinesibini ezidlulileyo ukuya kutsho kweyokwindla wama2022.
0.831575
a recently published poll for the world economic forum shows that nearly a quarter of people globally, including those in developed economies, are struggling financially due to rising prices.
uhlolisiso olusandul’ ukupapashwa liqonga lezo qoqosho lwehlabathi lubonise ukuba phantse ikota yabantu ehlabathini lonke, kuquka nabo bakwimimandla ehambele phambili kwezoqoqosho, batsala nzima ngokwemali ngenxa yokonyuka kwamaxabiso.
0.884457
these increases, particularly the price of fuel, are the consequence of events over which we have little control.
oku konyuka, ingakumbi ixabiso lepetroli, ziziphumo zeziganeko ezingekho sezandleni zethu.
0.872534
the ongoing conflict between russia and ukraine has had a significant impact on the price of fuel and food.
ungquzulwano oluqhubekayo phakathi kwerussia neukraine lube neempembelelo ezibonakalayo kwixabiso lamafutha kunye nokutya.
0.916681
both countries are major exporters to international markets of fertilisers, grains and oilseeds that are needed for a range of items such as cooking oil.
omabini la mazwe ngabathengisi abaphambili bezichumisi kwiimarike zamazwe ngamazwe, beenkozo kunye neembewu zeoli ezifuneka kuluhlu lwezinto ezifana neoyile yokupheka.
0.896868
another factor is lower agricultural output due to extreme weather events caused by climate change, such as flooding and droughts.
enye into ebangela oku, kukwehla kwemveliso yezolimo ngenxa yemozulu embi ebangelwa kukuguquka kwemozulu, efana nezikhukula kunye nembalela.
0.878737
while many of these events are beyond our control, government is doing what it can to shield the south african from current and future price increases.
ngelixa uninzi lweziziganeko lungaphaya kwamandla ethu, urhulumente wenza konke anako ukukhusela abemi bomzantsi afrika ekunyukeni kwamaxabiso ngoku kunye nakwixesha elizayo.
0.895279
one of our greatest advantages as a country is a strong, independent reserve bank that has managed to keep inflation within a narrow target range, well below what many other countries are experiencing.
enye yezona zinto ziluncedo kuthi njengelizwe yibhanki enguvimba eyomeleleyo nezimeleyo ekwazileyo ukugcina izinga lokonyuka kwamaxabiso likwiqondo elimxinwa, likwazi ukuba ngaphantsi kakhulu kunoko amanye amazwe amaninzi ajongene nako.
0.870927
we recently announced that the fuel levy will be suspended for another two months to august, which will bring some relief to households.
kutshanje sibhengeze ukuba irhafu yepetroli izakunqunyanyiswa kangangezinye iinyanga ezimbini ukuya kutsho kweyethupha, nto leyo eza kuzisa isiqabu noko kumakhaya.
0.862201
the suspension of the levy has provided essential relief to south africans since it began in april.
ukunqunyanyiswa kwerhafu kunika isiqabu esibalulekileyo noko kubemi bomzantsi afrika ukusukela oko kwaqaliswa kutshazimpuzi.
0.828532
since the suspension of the levy comes at a significant cost to public finances, which affects other programmes of government, it will be difficult to continue this indefinitely.
ngenxa yokuba ukunqunyanyiswa kwerhafu kusitya kakhulu kwiimali zoluntu, nto leyo echaphazela ezinye iinkqubo zikarhulumente, kuya kuba nzima ukuqhubeka noku ngokungapheliyo.
0.868141
there are, however, other things we can do.
noxa kunjalo, zikho ezinye izinto esinokuzenza.
0.870727
improving our nation’s food security is vital to withstanding this and future shocks.
ukuphucula ukufumaneka kokutya elizweni lethu kubalulekile kakhulu, ukuze simelane noku kunye nezinye izinto ezingalindelekanga zexesha elizayo.
0.853352
we have a strong agricultural sector that continues to grow and create jobs.
sinecandelo lezolimo elomeleleyo neliqhubeka nokukhula kunye nokudala imisebenzi.
0.8842
to further increase agricultural production and strengthen our food sovereignty, we are investing heavily in improving local capacity, supporting commercial and smallscale farmers alike and helping more people to grow their own food.
ukwandisa ngakumbi imveliso yezolimo kunye nokomeleza ulawulo lwethu lokutya, sityala imali eninzi kakhulu ekuphuculeni umthamo apha ekhaya, ekuxhaseni amafama ashishinayo kunye namafama asakhasayo ngokufanayo kunye nokunceda abantu abaninzi bazilimele ukutya kwabo.
0.895711
through the presidential employment stimulus, input vouchers have been given to over 65,000 smallholder farmers, and work is underway to reach 250,000 such farmers.
ngokusebenzisa uvuselelo lwengqesho kamongameli, iivawutsha zegalelo zinikwe amafama asakhasayo angaphezu kwama65 000, kwaye umsebenzi uyaqhubeka ukufikelela kuma250 000 amafama alolu hlobo.
0.917809
government is also providing subsistence farmers with fertilisers and equipment to produce food, and helping groups or individuals to start their own food gardens.
urhulumente ukwanika amafama alima ukutya izichumiso kunye nezixhobo zokuvelisa ukutya, kwaye unceda amaqela okanye abantu abazizela bebodwa ukuba baqale izitiya zabo zokutya.
0.908778
in provinces like north west, smallscale farmers are supported with agricultural ‘starterpacks’ of seedlings and poultry, in partnership with local agricultural colleges.
kumaphondo afana nomntla ntshona, amafama asakhasayo axhaswa ‘ngepakethe zokuqalisa’ ezolimo zezithole kunye neenkukhu, ngentsebenziswano neekholeji zezolimo zasekuhlaleni.
0.919299
through the proactive land acquisition strategy and the release of stateowned land for agriculture, we are supporting more smallscale farmers to expand their businesses and make them commercially successful.
ngesicwangcisoqhinga esi setyenzisiweyo sokufumana umhlaba iproactive land acquisition strategy kunye nokukhululwa komhlaba ophantsi korhulumente kulungiselelwa ezolimo, sixhasa amafama amaninzi asakhasayo ukuba andise amashishini awo kwaye aphumelele kwezorhwebo.
0.89404
we are also focusing on establishing more publicprivate partnerships to support the expansion of black commercial farming through initiatives like the partners in agri land solutions and the agricultural development agency.
sikwagxile ekusekeni intsebenziswano phakathi kwamashishini karhulumente kunye namashishini abucala, ukuxhasa ukwandiswa kwamafama amnyama ngamaphulo afana nepartners in agri land solutions kunye nearhente yophuhliso lwezolimo.
0.880916
to enhance biosecurity and safeguard animal health against diseases like footandmouth, we are strengthening our animal movement control measures and vaccine production capabilities.
ukwandisa ukhuseleko lwezilwanyana kunye nokukhusela impilo yezilwanyana kwizifo ezifana nefootandmouth, siqinisa amanyathelo ethu okulawula ukuhambahamba kwezilwanyana kunye nokukwazi ukuvelisa izigonyo.
0.920738
in addition to boosting local food production, our extensive social grants system and zerorating of basic goods helps to protect the poor from rising costs.
ukongeza ekunyuseni umgangatho weemveliso zokutya zasekhaya, iinkqubo zethu ezibanzi zezibonelelo zentlalo kunye nokungafakwa mlinganiselo kwiimpahla ezisisiseko kunceda ukukhusela abantu abahluphekayo ekunyukeni kweendleko.
0.893678
through free basic services like water and electricity for indigent households, we can ensure that no family goes without basic services.
ngeenkonzo ezisisiseko zasimahla ezifana namanzi kunye nombane kumakhaya angathathi ntweni, singaqinisekisa ukuba akukho sapho lungenazo iinkonzo ezisisiseko.
0.910252
to get through this difficult period, all of society should get involved.
ukudlula kweli xesha linzima, uluntu lonke kufuneka luzibandakanye.
0.799899
for our part, government will continue to monitor the situation closely and will do everything within its power to protect south africans from unsustainable increases in the cost of living.
kwelethu icala, urhulumente uza kuqhubeka eyibeke esweni le meko ngeliso elibukhali kwaye uza kwenza konke okusemandleni akhe ukukhusela abemi bomzantsi afrika ekunyukeni ngokungazinzanga kweendleko zokuphila.
0.907934
corporate south africa should ensure that consumers do not pay more for food than they have to.
iqumrhu lomzantsi afrika kufuneka liqinisekise ukuba abathengi abahlawuleli kutya kakhulu kunokuba bekufuneka.
0.865013
we welcome the indications from food manufacturers and retailers that they are putting measures in place to help consumers get more for their money.
siyazamkela izibonakaliso ezivela kubavelisi bokutya kunye nabathengisi, ukuba babeka imilinganiselo yokunceda abathengi ukuba bafumane okungakumbi ngemali yabo.
0.87949
in march this year the competition commission released for public comment the terms of reference for a market enquiry into the fresh produce market.
kweyokwindla kulo nyaka ikomishoni yokhuphiswano ikhuphele uluntu ukuba luhlomle kwimiqathango yophando lwemarike ngemveliso entsha.
0.864307
it noted that the cost of fresh produce has been increasing at aboveinflation levels, and that this has had a disproportionate effect on the poor.
iqaphele ukuba indleko yemveliso etsha yonyuka ngamanqanaba angaphezu kokunyuka kwamaxabiso, kwaye oku kube nefuthe elibi kakhulu kubantu abahluphekayo.
0.875836
the inquiry will examine if there are any distortions in the value chain that make food more expensive.
uphando luza kuhlola ukuba akukho kugqwetheka na kwikhonkco lexabiso okwenza ukuba ukutya kubize kakhulu kangaka.
0.811464
we will use our competition policy to protect consumers against unjustifiable price increases and anticompetitive practices by businesses, as we did during the covid19 pandemic.
siza kusebenzisa umgaqonkqubo wethu wokhuphiswano ukukhusela abathengi ekunyukeni kwamaxabiso ngendlela engafanelekanga kunye nakwizenzo zokungakhuphisani ezenziwa ngamashishini, njengoko besenzile ngexesha lecovid19.
0.881916
child support grant misuse is illegal more matshediso if you are aware that the child support grant received by a caregiver is being misused, you have the responsibility to report the matter to the south african social security agency (sassa).
ukusetyenziswa gwenxa kwesibonelelomali somntwana akukho semthethweni more matshediso ukuba uyazi ukuba isibonelelomali somntwana esifunyenwe ngulowo umgcinayo sisetyenzi swa gwenxa, unoxanduva lokuxela oko kwiarhente yezibonelelo zezentlalo nomhlalaphantsi yasemzantsi afrika (isassa).
0.893027
according to sassa spokesperson paseka letsatsi, the child support grant is paid to the caregiver, but is intended for the care of the child.
ngokwengxelo ephuma kwisithethi sakwasassa upaseka letsatsi, isibonelelomali somntwana sihlawulwa kumntu omgcinayo, kodwa yenzelwe ukuba ijongane neemfuno zomntwana.
0.838741
the grant is currently r480 per month per child.
isibonelelomali okwangoku ngamar480 ngenyanga ngomntwana ngamnye.
0.85672
the child support grant was introduced by government to provide financial support to children who live in poor households.
isibonelelomali sabantwa na saziswa ngurhulumente ukuze anikeze ngenkxasomali kubantwana abahlala kumakhaya angathathintweni.
0.872435
"as soon as misuse is reported, an investigation is undertaken.
"ukuba kukhe kwaxelwa nje ukusetyenziswa ngwenxa kwesibonelelomali, uphando luyenziwa.
0.798912
if the investigation finds that the money received does not benefit the child, sassa may appoint someone else to receive and administer the grant on behalf of the child," says letsatsi.
ukuba uphando lufumanise ukuba imali efunyenweyo ayimxhasi umntwana, abakwasassa bangachonga omnye umntu ukuba afumane kwaye alawule isibonelelomali egameni lomntwana lowo," utsho uletsatsi.
0.897859
he adds that it is critical that the primary caregiver, who actually cares for the child on a daytoday basis, is the registered beneficiary.
wongeza ngelithi kuba lulekile ukuba umgcini oyintloko, ogcina umntwana imihla ngemihla, ibe nguye obhaliselwe ukufumana isibonelelomali.
0.851613
"in an instance where a child moves from one caregiver to another, the grant is supposed to follow the child.
"kwimeko apho umntwana esuka komnye umngcini esiya komnye, isibonelelomali kufuneka sihambe no mntwana.
0.86225
the original caregiver is expected to report to sassa that the child is no longer in his/her care, and the new primary caregiver must then come in to apply for the grant," adds letsatsi.
kulindeleke ukuba lo mntu ebemgcina kuqala anike ingxelo kwasassa ukuba umntwana akasekho phantsi kwakhe, kwaye lo mntu mtsha uzakumgcina afake isicelo sesibonelelomali," wongeze ngelitshoyo uletsatsi.
0.885926
letsatsi says people who continue to receive child support grants after the children are no longer in their care, will be required to repay the amount received unlawfully.
uletsatsi uthi abantu abathe gqolo ukufumana isibonelelomali sabantwana emva kokuba abantwana bengasahlali nabo, kuzakufuneka ukuba bayibuyise imali abayifumene ngokungekho semthethweni.
0.84417
they may also be subject to criminal prosecution if the intention to defraud the state can be confirmed.
basenokuba phantsi kwetyala lolwaphulo mthetho ukuba injongo yabo yokuqhatha urhulumente inokuqinisekiswa.
0.868268
the same consequences apply to people who misuse care dependency grants – which are given by sassa to provide financial support to children with severe disabilities who require fulltime care, disability grants or older persons grants.
iziphumo ezinjalo ziyasebenza nakubantu abasebenzisa gwenxa izibonelelo zoxhomekeko ezinikezwa yisassa ukunika isibonelelomali kubantwana abakhubazeke kakhulu abafuna ukhatha lelo olusisigxina, nakwi zibonelelo zokukhubazeka okanye izibonelelo zabantu abadala.
0.885268
"if the money is used for alcohol, drugs or gambling, and not for the support of the person who qualifies for the grant, the same process of reporting should be followed," says letsatsi.
ukuba le mali isetyenziswa ekuthengeni utywala, iziyobisi okanye ukugembula, ingekuko ukuxhasa umntu lowo ufanele ukufumana isibonelelomali, kufuneka kulandelwe inkqubo enye yokuxela," utsho uletsatsi.
0.894587
who can apply for child support grant?
ngubani onokufaka isicelo sesibonelelomali somntwana?
0.849223
according to letsatsi, any south african citizen, permanent resident or documented refugee who cares for a child, whether or not that child is his or her biological child, may apply for a child support grant, provided he/she meets the criteria listed below: the child and caregiver must live permanently in south africa....
ngokutsho kukaletsatsi, nawuphi na ummi womzantsi afrika, umhlali osisigxina okanye imbacu ebhaliweyo ekhathalele umntwana, nokuba ngumntwana wakhe okanye ayingomntwana wakhe, angafaka isicelo sesibonelelomali somntwana, ukuba uhlangabezana nale migaqo idweliswe ngezantsi: umntwana kunye nomgcini wakhe kufuneka bahlale...
0.902906
the caregiver must be 16 years of age (in the case of childheaded households) or older.
umgcini womntwana kufuneka abe neminyaka eli16 ubudala (kwimeko yamakhaya aphethwe nga bantwana) okanye ngaphezulu.
0.897856
the child must be younger than 18. the grant recipient must be the child’s primary caregiver and the child must live with him/her.
umamkeli wesibonelelomali kufuneka abe ngoyena mntu uyintloko ogcine umntwana kwaye umntwana kufuneka ahlale naye.
0.813254
the recipient must meet the requirements of the means test (income test).
umamkeli kufuneka ahla ngabezane neemfuno zovavanyo (uvavanyo lomvuzo).
0.835854
if the primary caregiver is single (never married, divorced or widowed), his/ her income cannot be more than r4 800 per month.
ukuba umgcini womntwa na oyintloko akatshatanga (akazange atshate, aqhawule umtshato okanye ungumhlolokazi), umvuzo wakhe awunakuba ngaphezu kwamar4 800 ngenyanga.
0.896966
if the primary caregiver is married, the combined income of the applicant and his/her spouse cannot be more than r9 600 per month.
ukuba umgcini womntwa na oyintloko utshatile, umvuzo udibene owomfakisicelo kunye noweqabane lakhe awunakuba ngaphezu kwamar9 600 ngenyanga.
0.890973
the spouse’s income will be considered in all instances – regardless of whether the couple is married in or out of community of property, under customary or asian rites, are in a civil union or if the applicant and his/her spouse are not the child’s birth parents.
umvuzo weqabane uya kujongwa kuzo zonke iinkalo – akukhathaliseki nokuba esi sibini sitshate ngokokuhlanganisa okanye ngokungahlanganisi zii mpahla, batshate phantsi kwezithethe zesintu okanye zaseasia, bakumanyano lwasekuhlaleni okanye ukuba umfakisicelo neqabane lakhe abangabo abazali bo mntwana.
0.892445
our nation mourns the young lives lost in enyobeni tavern tragedy vukuzenzele unnamed a few weeks ago the families of a township in scenery park outside east london, received news that every parent prays they never get to hear.
isizwe sethu sizilela ulutsha oluphulukene nobomi balo kwintlekele yethaveni yaseenyobeni vukuzenzele unnamed kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo iintsapho zelokishi yasescenery park ngaphandle kwasemonti, zifumene iindaba wonke umzali athandazela ukuba angaze azive.
0.889068
they were told that 21 of their children had been found dead, in a tavern.
baxelelwa ukuba abantwana babo abangama21 bafunyenwe bebhubhile, kwithaveni.
0.866392
the youngest child was only 13 years old.
oyena mntwana mncinane ebeneminyaka eli13 kuphela ubudala.
0.92708
the police investigation into the tragedy is proceeding apace.
uphando lwamapolisa ngale ntlekele luyaqhuba ngokukhawuleza.
0.828277
flowing from the investigations, the buffalo city metro is looking into whether the tavern violated any municipal regulations.
kuqhubekeko ngolu phando, umasipala ombaxa wase buffalo city uphanda ukuba ingaba ikhona na imigaqo kamasipala eyophulileyo le thaveni.
0.823743
our thoughts and prayers are with the families who are struggling to come to terms with this unspeakable horror.
iingcinga zethu kunye nemithandazo ikunye neentsapho ezisokolayo ukwamkela esi sehlo simanyumnyezi singathethekiyo.
0.861642
we commend the eastern cape provincial government for assisting the affected families, as well as avbob that has pledged to assist the families with the burials.
siyamncoma urhulumente wephondo lempuma koloni ngokuncedisa iintsapho ezichaphazelekileyo, kwakunye noavbob ozinikele ekuncediseni ezi ntsapho ngezingcwabo.
0.917318
even as the relevant authorities deconstruct what happened to ensure there is justice for the victims, there is a conversation we do need to have as a country.
ngethuba abasemagunyeni abafanelekileyo behlabamahlongwane okwenzekileyo ukuqinisekisa ukuba kukho ubulungisa ngakumaxhoba, kukho incoko ekufuneka sibe nayo njengelizwe.
0.857308
it is the problem of underage drinking.
ingxaki yokusela kwabantwana abangaphantsi kweminyaka efanelekileyo ngokomthetho.
0.784535
the footage and images posted online of the socalled ‘pens down’ party at the venue that night show revelling youngsters clutching bottles of alcohol.
imifanekiso kamabonakude kunye nakwiintanethi yetheko elibizwa ngokuba ‘yipens down’ elalikula ndawo ngoba busuku ibonisa ulutsha olonwabileyo lubambe iibhotile zotywala.
0.867397
many of those in the images look barely out of their teens.
uninzi lwalo kule mifanekiso lukhangeleka ngathi lusekwiminyaka yolutsha.
0.769089
a number of young people from scenery park have told the media of having seen a post circulated on social media, offering free rounds of alcohol to all who attended the event that night.
iqela labantu abatsha abasuka escenery park lixelele amajelo eendaba ukuba libone isaziso esisasazwa kumajelo eendaba zoluntu, esinikezela ngemijikelo yotywala basimahla kubo bonke abantu abebezimase umsitho ngoba busuku.
0.867997
the increased social acceptability of young people drinking alcohol has become a serious problem in a country where the majority of the drinking population are already classified by the world health organization as binge drinkers.
ukwamkeleka okwandileyo kwentlalo yabantu abatsha abasela utywala kuyingxaki enkulu kwilizwe apho uninzi lwabantu abaselayo sele behlelwe ngumbutho wezempilo wehlabathi njengabasela kakhulu.
0.89129
alcohol use amongst adolescents is associated with impaired function, absenteeism from learning, alcoholrelated injuries, suicidal thoughts and attempts, and risky behaviour.
ukuselwa kotywala phakathi kolutsha olufikisayo koyanyaniswa nokungasebenzi kakuhle, ukungahambi isikolo kakuhle, ukwenzakala okunxulumene notywala, iingcinga kunye neenzame zokuzibulala, kunye nokuziphatha ngokusemngciphekweni.
0.91922
we must come together to combat this vice that is robbing our young people of the best years of their lives, and making them susceptible to alcohol addiction.
kufuneka sidibane silwe lo mkhwa uphanga ulutsha lwethu eyona minyaka igqwesileyo yobomi balo, ubenza babe sesichengeni sokuzenza amakhoboka otywala.
0.894759
as families it means having open and frank conversations about alcohol and setting boundaries.
njengeentsapho, kuthetha ukuba neencoko ezivulekileyo neziphandle malunga notywala nokubeka imilinganiselo.
0.892827
children under the age of 18 consuming alcohol is against the law.
into yabantwana abangaphantsi kweminyaka eli18 abasela utywala ichasene nomthetho.
0.857222
as adults we should refrain from practices such as sending minors to buy alcohol for us or capitulating to requests to buy these young people alcohol.
njengabantu abadala, kufuneka sizikhwebule kwimikhwa efana nokuthuma abantwana abasebancinane ukuba basithengele utywala okanye ukuvuma izicelo zokuthengela olu lutsha utywala.
0.89189
it is not the first time we have been confronted with tragic events such as what happened in scenery park last week.
asikokokuqala ngqa sijongana neziganeko ezimbi ezifana nesenzeke escenery park kwiveki ephelileyo.
0.761059