src stringlengths 4 626 | tgt stringlengths 4 637 | score float64 0.6 0.97 |
|---|---|---|
but the lesson from the south africans in wuhan is that a lockdown works.
| kodwa isifundo esivela kubemi basemzantsi afrika abasuka ewuhan sesokuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kuyasebenza.
| 0.864848 |
it shows that if we strictly observe the rules in place to stop the virus spreading, we will be able to bring infection rates down.
| sibonakalisa okokuba ukuba siyithobela ngqongqo imiqathango emiselweyo ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane, singakwazi ukulehlisa izinga losuleleko.
| 0.889681 |
help for our vulnerable citizens vukuzenzele unnamed many countries around the world have imposed coronavirus lockdowns with a view to saving the lives of their citizens.
| uncedo lwabantu bakuthi abangathathi ntweni vukuzenzele unnamed amazwe amaninzi ehlabathi amisele ixesha lokuvalele ka phantsi kwemiqathango ethile,ngeenjongo zokusindisa abemi bawo ekubulaweni sesi sifo.
| 0.843105 |
we have done the same in our country, but our lockdown has revealed a very sad fault line in our society that reveals how grinding poverty, inequality and unemployment is tearing the fabric of our communities apart.
| senze njalo nakweli lizwe lakuthi, kodwa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwethu kuveze intlungu embi ekhoyo kwesi sizwe sethu indlela ebathwaxa ize ibaphehluzelise ngayo abantu bakuthi indlala ebomvu, ukungalingani kunye nentswelangqesho.
| 0.861292 |
there can be no greater anguish than that of a parent whose children cry out to them for food, but they have none to give.
| akukho nkxwaleko inokuba ngaphezulu kweyomzali onabantwana abakhala kuye befuna ukutya abe yena engazi nokuba uza kukufumana phi na oko kutya.
| 0.825611 |
there can be no greater injustice than a society where some live in comfort and plenty, while others struggle at the margins to survive with little or nothing at all.
| akukho ntlungu inokuba ngaphezulu kweyesizwe esinegcuntswana labantu abazizinhanha nabanento yonke, ngeli xesha abanye bephila ngamabonandenzile, okanye beswele bengenanto.
| 0.830111 |
yes, these are the residual effects of a fractured and unequal past.
| ewe, lo ngumonakalo owashiywa ngumbuso wangaphambili owawusekelwe kucalucalulo ukhuthaza ukungalingani.
| 0.738321 |
but they are also a symp tom of a fundamental failing in our postapartheid society.
| kodwa ukwa zimpa wu zeempazamo nokusilela ekwenzeni umsebenzi wawo lo mbuso wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi.
| 0.722493 |
the nationwide lockdown in response to the coronavirus has gravely exarcerbated a longstanding problem.
| olu valeleko phantsi kwemiqathango ethile kukazwelonke kumiselwe ngeenjongo zokulwa intsholongwane icorona ethe yaziveze elubala ezi ngxaki kudala sijamelene nazo.
| 0.795141 |
over the past few weeks, we have been confronted with distressing images of desperate people clamouring for food parcels at distribution centres and of community protests against food shortages.
| kwezi veki zimbalwa zidlu lileyo besibone imifanekiso eyophula umphefumlo yabantu bakuthi abatyiwa yindlala bexhwithana ngokutya okunikezelwa kumaziko okuhambisa ukutya kunye nemingcelele yoqhankqalazo yoluntu lukhalazela ukunqongophala kokutya.
| 0.864351 |
we have also had to contend with allegations both disturbing and disgusting.
| besikhe saxakana nezityholo ezimbi nezilihlazo.
| 0.800903 |
a number of provinces have received reports that callous individuals, some of them allegedly government officials, are hoarding or selling food parcels earmarked for the needy and destitute, or diverting them to their friends and families.
| amaphondo amaninzi afumene iingxelo zabantu abaneentliziyo ezimbi, abanye babo ekutyholwa ngokuba ngamagosa karhulumente, abathe bazithathela okanye bathengisa oku kutya kulungiselelwe ukunika abantu bakuthi abangathathi ntweni nabasweleyo, okanye oku kutya bakunike izihlobo neentsapho zabo.
| 0.901202 |
if there is found to be substance to these allegations we will deal with the individuals concerned harshly.
| ukuba kuye kwafumaniseka ukuba ezi zityholo ziyinyani, siza kubathathela amanyathelo aqatha aba bantu bachaphazelekayo.
| 0.845191 |
with the declaration of a national state of disaster and the imposition of a nationwide lockdown we entered uncharted waters.
| sisisizwe siyayizibula le meko yesimo sentlekele kazwelonke kunye neyokumiselwa kwemeko yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke.
| 0.753602 |
south africa has never had to deal with a public health emergency of this magnitude.
| umzantsi afrika zange wajongana nengxaki yabantu abangaka abafuna uncedo lwezempilo.
| 0.81729 |
we had to act quickly to save lives.
| kuye kwanyanzeleka ukuba sithathe amanyathelo akhawulezileyo ukuze sisindise abantu bakuthi.
| 0.756424 |
and we must acknowledge that in the days and weeks that have followed, the provision of support to our country’s most vulnerable citizens has been slower than required, and that lapses have occurred.
| siyakuqonda ukuba kwiintsuku neeveki zokuqala emva kokuba sithathe esi sigqibo, khange sibanike inkxaso eyaneleyo abantu bakuthi abangabona basemngciphekweni wokuba ngamaxhoba ale ntsholongwane, kwaye zikhona neempazamo esizenzileyo.
| 0.813983 |
however, the payment of social grants has proceeded relatively smoothly, and after a number of technical challenges, the food distribution system is being streamlined.
| noko kunjalo, iinkqubo yokuhlawulwa kwemali yenkamnkam khange ibe nawo amagingxigingxi amaninzi, nasemva kokuba zibekhona iingxakana ezininzi, inkqubo yokuhanjiswa kokutya nayo iyalungiswa.
| 0.826062 |
imposing a nationwide lockdown at very short notice presented several challenges.
| ukumiselwa kwemeko yokuvaleleka phantsi kemiqathango ethile kukazwelonke ngesiquphe kubangele iingxakana ezimbalwa.
| 0.791232 |
we have had to weigh up the proportionality of the national response and the extent of restrictions we would need to impose.
| kuye kwafuneka siqwalasele amanyathelo esithe sawathatha sisisizwe siwathelekise namiqathango ekufuneka siyimisele.
| 0.804982 |
we ultimately chose to err on the side of caution.
| saye sakhetha ukuba siphaza mele kweli cala liza kusindisa abantu bakuthi ekubulaweni yile ntsholongwane.
| 0.701879 |
and as the presentation by the ministry of health indicated recently, enforcing a lockdown at the time we did has slowed down the rate of infection and, more importantly, bought us time to prepare for a probable surge in infections in the coming weeks and months.
| nanjengoko ingxelo enikwe yiofi si yomphathiswa wezempilo kutsha nje, ukumisela ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ngela xesha sayimisela ngalo kwasithoba isantya abantu abosuleleka ngaso, kwaye okubaluleke ngamandla, kwasinika umtyhi wokuba senze onke amalungiselelo okulalelisela xa linokuthi linyuke inani labant... | 0.875338 |
we had to consider the impact on an already floundering economy in both the long and short term, and the impact of this substantial disruption on the livelihoods of millions of people.
| kwaye kwafuneka ukuba sithathele ingqalelo umonakalo onokwenziwa sesi sifo ngoku nakwixa elizayo kuqoqosho lwethu olutsala nzima kunye neziphumo zolu phazamiseko lungaka kubomi bezigidi zabantu.
| 0.840441 |
we had to consider what weeks of confinement to the home would mean for the employed not paid regular salaries, for the unemployed and those seeking work, for those in casual or seasonal employment, for those in the informal sector, for the indigent and for the vulnerable.
| kuye kwafuneka ukuba sithathele ingqalelo umonakalo onokwenziwa ziveki ezininzi bevaleleke emakhaya abantu abasebenzayo abangafumani mivuzo rhoqo, abo bangasebenziyo kunye nabo bafuna imisebenzi, abo bangxungxa yo kunye nabo basebenza ngamaxesha athile onyaka, abo banamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni, abo baso... | 0.85357 |
cabinet will finalise a set of measures to respond to the impact of the lockdown on the livelihoods of our people.
| ikhabhinethi iza kuqukumbela amanyathelo aza kuthathwa ukusabela kwiinzima eziza kuza nokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kubomi babantu bakuthi.
| 0.827333 |
this has been preceded by a range of engagements with a number of stakeholders including business, labour, religious organisations, civil society and the presidential economic advisory council.
| oku kukhokelwe zindibano ezininzi zokubonisana namahlakani amaninzi aquka abezoshishi no, abasebenzi, imibutho yezenkolo, imibutho yoluntu kunye nebhunga labacebisi bezoqoqosho bakamongameli.
| 0.898984 |
the social partners have put forward a number of proposals on interventions that could address the immediate vulnerability of the poorest of the poor, most of whom rely on social assistance to survive.
| amahlakani ezentlalo eze nezindululo ezininzi zokungenelela eziza kunceda ngokukhawuleza abantu abangabona basokola kakhulu, uninzi lwabo oluphila ngemali yesibonelelo sikarhulumente.
| 0.853137 |
we will scale up welfare provision during this period to help households living below the poverty line.
| siza kuzandisa izibonelelo zentlalontle ngeli thuba ukuze sincede amakhaya asokola kakhulu.
| 0.818294 |
even when the nationwide lockdown is lifted, its effects will continue to be felt for some time to come.
| nasemva kokuba kuphelisiwe ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kukazwelonke, iziphumo zayo ziza kubonakala isithuba eside ngoku sele kugqithile.
| 0.81119 |
those fortunate to have a steady income will be able to return to their jobs; but for millions of others this will be a lost month where they would otherwise have found temporary work, done business in the informal sector or saved money earned to meet their family responsibilities.
| abo banethamsanqa lokuba babe nemivuzo ehlawulwa rhoqo baza kubuyela emisebenzini yabo; kodwa kwizigidi zabanye le inyanga iza kuba yinyanga eyilahleko kuba kaloku ngebefumene imisebenzi yethutyana, benze ubugcwabalalana kumashishini abo angabhaliswanga ngokusesikweni okanye bonge imali abayenzileyo bakwazi ukuyisebenz... | 0.895977 |
food support is a shortterm emergency measure.
| isibonelo sokutya linyathelo likaxakeka lethutyana.
| 0.787728 |
it will need to be matched by sustainable solutions that help our most vulnerable citizens weather the difficult times that are still to come.
| kuza kufuneka silandeliswe ngamanye amanyathelo ethuba elide aza kunceda abantu bakuthi abangathathi ntweni bakwazi ukumelana nezi nzima zizayo.
| 0.790608 |
i wish to thank the many ngos, religious groups and ordinary citizens who are donating money and volunteer ing to help feed the hungry and destitute.
| ndibulela iingo ezininzi, imibutho yezenkolo kunye nabantu ngokubanzi abathe baliza ngemali basebenzisa nexesha labo besipha ukutya abantu ababhuqwa yindlala nabangathathi ntweni.
| 0.875623 |
alleviating hunger is not an act of charity.
| ukulwa indlala ayisosenzo sobubele nesisa.
| 0.830063 |
it is an imperative for any society that is founded on respect for human rights.
| sisenzo esibaluleke kakhulu kuso nasiphi na isizwe esisekelwe kumba wokuhlonipha amalungelo oluntu.
| 0.861062 |
we are at a point in our battle with the pandemic where complacency could prove disastrous.
| sikwilixa apho ngoku kweli dabi sililwayo ukuphazama siyekelele umxakatho kungasitshabalalisa sonke.
| 0.765662 |
i call on each and every one to remain vigilant, to continue to abide by the regulations, and to keep safe and keep others safe.
| ndihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba bahlale bevundlile, baqhubeke nokuthobela imiqathango, bazigcine bona kunye nabanye abantu bekhuselekile.
| 0.888383 |
small business support during covid19 dale hes the uncertainty and financial strain placed on entrepreneurs and small business owners by the global coronavirus pandemic is being alleviated by a host of public and private support schemes.
| inkxaso yamashishini amancinci ngexesha lecovid19 dale hes ukungaqiniseki nobunzima bezezimali obubekwe koosomashishini abasakhulayo nabanini bamashishini amancinci ngubhubhane wentsholongwane yecorona buyadanjiswa ngandlela ithile liqela lezicwangciso zenkxaso zikarhulumente nezamashishini abucala.
| 0.900963 |
small business owners and informal traders are amongst the south africans who are most heavily impacted by the lockdown.
| abanini mashi shini abancinci noosomashishini abathengisa ecaleni kwendlela baphakathi kwabantu basemzantsi afrika abangabona bachatshazelwe kakhulu yile nkqubo yokumiswa ngxi kweentshukumo.
| 0.859588 |
in order to get through this difficult time, these business owners can take advantage of a number of in terventions that govern ment has put in place to assist them.
| khona ukuze bakwazi ukumelana neli xesha linzima kangaka, abanini bala mashishini bangasebenzisa uncedo lweendidi ngeendidi zongenelelo olumiselwe ngurhulumente ukubanceda.
| 0.842307 |
smme debt relief fundfollowing the announce ment of the lockdown, the department of small business development immediately made a debt relief fund available for small businesses negatively affected by the covid19 pandemic.
| ingxowamali yoncedo lwamatyala wamashishini amancinci aphakathi nakhulayo (smme)ngokuhambelana nesibhengezo sokumiswa ngxi kwe entshukumo, isebe lezophuhliso lwamashishini amancinci kwangoko likhuphe ingxo wamali yoncedo kumatyala achaphazela amashishini amancinci kakubi ngenxa yobhubhane wecovid19 .
| 0.862137 |
more than r500 million has been made available through the fund, which small and medium enterprises must apply for through an online application process.
| yimali engaphezulu kwezigidi ezingamakhulu amahlanu eerandi (r500 zezigidi) ebekelwe ukuba ifumaneke, nanokuthi amashishini amancinci naphakathi afake izicelo kuyo ngenkqubo yokufaka izicelo eyenziwa kwiintanethi.
| 0.82135 |
here are the steps that need to be followed:1. your business must be registered on the smme south africa portal.
| nanga amanyathelo ekufanele alandelwe:1. ishishini lakho kufanele libe libhalisiwe kwisango lwamashishini amancinci asemzantsi afrika (ismme south africa).
| 0.83434 |
if you are not yet registered, you need to go to www.
| kanti ukuba awukabhalisi, kufanele ungene ku: www.
| 0.805121 |
smmesa.
| smmesa.
| 0.716161 |
gov.
| gov.
| 0.898238 |
za to register.
| za ukubhalisa.
| 0.642593 |
2. once your registration is complete, you can apply for the covid19 smme debt relief fund.
| 2. xa sele ugqibile ukubha lisa, ungasifaka isicelo kwingxowamali yoncedo kumatyala wamashishini amancinci yecovid19 .
| 0.852864 |
you can find the application form on the department of small business development’s website.
| ifomu yokufaka isicelo ungayifumana kwiwebhusaythi yesebe lophuhliso lwamashishini amancinci.
| 0.89007 |
3. if you meet all the criteria (such as your business being tax compliant and 100 percent owned by south africans), relief funding will be paid out to approved applicants within 12 working days.
| 3. ukuba uzenzile zonke iimfanelo (ezifana nokuba ishishini lakho lizifezekisile zonke iimfanelo zalo zezerhafu kwaye ubunini balo bo babemi basemza ntsi afrika ngokupheleleyo), inkxasomali yoncedo iza kuhlawulwa zingadlulanga iintsuku ezi12 zempangelo kwabo izicelo zabo ziphumeleleyo.
| 0.88363 |
if you own a microenterprise, then the small enterprise development agency is available to help you to apply to the debt relief scheme.
| ukuba ungumnini weshishini elincinci eliphuhlayo, iarhente yophuhliso lwamashishini amancinci aphuhlayo ikhona ukuba ikuncede ukufaka isicelo kwisicwangciso soncedo kumatyala.
| 0.885884 |
requests for assistance must be emailed to debtrelief@seda.
| izicelo zoncedo mazithunyelwe ngeimeyli ku: debtrelief@seda.
| 0.855547 |
org.
| org.
| 0.80675 |
za.
| za.
| 0.753549 |
solidarity response fundpresident cyril ramaphosa also announced the launch of the solidarity response fund, which received a r150 million kickstart from government.
| ingxowamali yokuhlangabezana nembumba yamanyamaumongameli ucyril ramaphosa wazise nangokumiselwa kwengxowamali yokuhlangabezana nembumba yamanyama, nethe yafumana umlumiso olikhulu elinamashumi amahlanu zezigidi zeerandi (r150 zezigidi) kurhulumente.
| 0.853667 |
the fund allows organisations and individuals to donate to the nationwide effort to support small businesses and covid19 response efforts.
| le ngxowamali yenza ukuba imibutho nabantu bakwazi ukwenza umnikelo kweli linge lesizwe jikelele ukuxhasa amashishini amancinci kunye namalinge okuhlangabezana necovid19 .
| 0.906109 |
in the first two weeks of the fund, over r2 billion was donated, which will be channelled into relief efforts.
| kwiiveki ezimbini zokuqala, le ngxowamali ifumene umnikelo ongaphezulu kweebhiliyoni ezimbini zeerandi, noza kudluliselwa kumalinge okunceda.
| 0.882498 |
support for spaza shopsgovernment has recognised the unique challenges that the pandemic poses to those working in the informal sector.
| inkxaso yezipazaurhulumente uyayiqonda imingeni ebangelwa ngulo bhubhane kwabo basebenza kwicandelo loosomashishini abathengisa ecaleni kwendlela.
| 0.81036 |
in this respect, minister for small business development khumbudzo ntshavheni has also released support packages for people working in this sector.
| kulo meko, umphathiswa wophuhliso lwamashishini amancinci ukhumbudzo ntshavheni ukwanikezele ngemigodlo yenkxaso ukunceda abo baphangela kwelo candelo.
| 0.818426 |
this includes a dedicated support scheme for spaza shops.
| oku kuquka nesicwangciso sokunikezela ngenkxaso kwizipaza.
| 0.827471 |
"the spaza shop support will include dedicated networking, purchasing power and bulk purchasing through preselected and preapproved wholesalers," explains the minister.
| "inkxaso yezipaza iza kuquka ukunikezelwa konxibelelwano lwamacandelo awohlukeneyo, amagunya okuthenga nokuthenga ngezixa ezikhulu ngokusebenzisa oonovenkile abathengisa ngezixa ezikhulu abasebekhethiwe baze bavunywa kwangaphambili," ucacisa atsho umphathiswa.
| 0.891901 |
this support will allow spaza shops to gain access to goods which they can sell.
| le nkxaso iza kuvumela izipaza ukuba zikwazi ukufikelela kwiimpahla ezinokuzithengisa.
| 0.843689 |
minister ntshavheni adds that the scheme will also provide credit to spaza shop owners, to allow them to access the money needed to buy stock.
| umphathiswa untshavheni wongeza athi esi sicwangciso siza kubonelela abanini bezipaza ukuba bakwazi nokuthenga ngetyala, ukubanika ithuba lokufumana imali abayidingela ukuthenga istoko.
| 0.859839 |
"this will be followed by a credit facility to enable spaza shop owners to continuously buy, even after the covid19 outbreak is over.
| "oku kuza kulandelwa luncedo lwendlela yokuba abanini bezipaza bakwazi ukuthenga ngetyala, nkqu nasemva kokuba kudlulile ukuqhambuka kwecovid19.
| 0.894621 |
"the department will also provide advice on how to successfully run their shops.
| "eli sebe liza kubonelela nangeengcebiso zokuba bangaziphatha njani iivenkile zabo ngokuyimpumelelo.
| 0.898254 |
"we are also supporting them with business management support because we know that there are problems in spaza shops running their businesses to be profitable," ntshavheni says.
| "sikwabaxhasa nangenkxaso yolawulo lwamashishini kuba siyayazi ukuba zikhona iingxaki kwizipaza ekulawuleni amashishini azo ukuze enze ingeniso," utshilo untshavheni.
| 0.858778 |
helping informal tradersgovernment is also work ing on creating a package that will provide income relief to informal traders who have lost income due to the crisis.
| ukunceda oosomashishini abangekho sesikweniurhulumente ukwasebenza ngokudala ingxowa eza kubonelela ngoncedo loosomashishini abathengisa ecaleni kwendlela abathe balahlekelwa yingeniso ngenxa yale ntlekele.
| 0.856414 |
let us unite in our fight against covid19 vukuzenzele unnamed the entire world is in the unrelenting grip of the coronavirus pandemic, whose spread has been rapid.
| masibambisaneni ekulweni kwethu icovid19 vukuzenzele unnamed ihlabathi liphela liphantsi kohlaselo olungadambiyo lobhubhane wentsholongwane icorona , okunwenwa kwayo kuphindaphindene ngokoyikisayo.
| 0.883288 |
a vaccine has yet to be found.
| ichiza lokutofa ukuyithintela alikafumaneki.
| 0.744193 |
across the world, over 3.4 million people are known to be infected and more than 240,000 have died.
| ehlabathini jikelele, ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezi3.4 abaziwa njengabosulelekileyo baze babe ngama240,000 abaswelekileyo.
| 0.935276 |
when the national state of disaster was declared six weeks ago, south africa only had 61 confirmed coronavirus infections.
| ekubhengezweni kwexesha lentlekele kwilizwe lonke kwiveki ezintandathu ezidlulileyo, umzantsi afrika ubunezehlo zosuleleko ezingama61 kuphela ezingqiniweyo.
| 0.876023 |
despite the relatively low number, expert opinion and international experience indicated that infec tions would rise exponentially.
| nangona ilinani eliphantsi elo, iimbono zeengcaphephe namava ezizwe ngezizwe abonakalise ukuba usuleleko luza kwanda ngokucacileyo.
| 0.861136 |
i said that urgent and drastic measures would need to be taken.
| ndithe kudingeka ukuba kuthathwe amanyathelo angxamisekileyo nangqongqo.
| 0.863812 |
those measures – which included a nationwide lockdown and the closure of our borders – have proved to be effective in delaying the spread of the disease.
| loo manyathelo – naquka ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile nokuvalwa kwemida yethu – kuye kwabonakalisa ukusebenza ekulibaziseni ukunwenwa kwesi sifo.
| 0.866683 |
this has been possible because most south africans have adhered to the lockdown provisions, practising social distancing and wearing face masks.
| oku kwenzekile kuba uninzi lwabemi basemzantsi afrika bayithobele imiqathango yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, ukulandela ukungasondelelani kwabantu nokunxiba izigqubuthelobuso.
| 0.833964 |
i applaud you for this and for all the other sacrifices you have made.
| ndinothulela umnqwazi ngako oko kunye nazo zonke ezinye izinto enizincamileyo.
| 0.85383 |
at this stage in the progress of the pandemic, other countries had far more infections than we do.
| xa kungoko ekuqhubeleni phambili kwalo bhubhane, amanye amazwe anezehlo zosuleleko ezingaphezulu kunezethu.
| 0.838458 |
as of now – which is 46 days since we recorded our 100th coronavirus case – we have 6,783 confirmed cases.
| okwangoku – zintsuku ezingama46 ukususela sashicilela isehlo se100 sentsholongwane icorona – sinama6,783 sezehlo zosuleleko ezingqiniweyo.
| 0.895385 |
italy, which has a similar size population to ours, had more than 140,000 cases and the united states had around 700,000 confirmed cases at the 46day mark.
| iitaly , nenabemi abalinganayo nabethu, inezehlo ezingaphezulu kwe140, 000 ize imelika ibe namalunga nama700,000 ezehlo ezingqiniweyo xa bephawula iintsuku ezingama46.
| 0.910583 |
but this does not mean that the danger has passed.
| kodwa oku akuthethi ukuba siphumile engozini.
| 0.770676 |
we have not nearly reached the peak of infections in south africa.
| asikafi keleli encotsheni yosuleleko singumzantsi afrika.
| 0.784809 |
all the scientific models show that the infection rate will continue to rise at a much faster rate in the next few months.
| zonke iinkqubo zobunzululwazi zibonakalisa ukuba izinga losuleleko liza kuqhubeka nokwenyuka ngesantya esikhawulezileyo kwezi nyanga zimbalwa zilandelayo.
| 0.896001 |
however, the speed with which the virus spreads and the number of people who are ultimately infected will be determined by what we do now.
| kodwa ke, isantya enwenwa ngaso le ntsholongwane kunye nenani labantu abosulelekayo ekugqibeleni liya kuxhomekeka koko sikwenzayo.
| 0.890023 |
that is why the easing of the lockdown needs to be gradual and cautious.
| kungoko ukunyenyiswa kweqondo lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kufanele kwenziwe ngokuthe ngcembe nangobulumko.
| 0.835634 |
it is for this reason that many regulations need to remain in place and why it is absolutely essential that people observe them.
| kungenxa yeso sizathu kanye uninzi lwemimiselo kufanele ihlale isebenza kwaye kubalulekile ukuba abantu kufuneka beyihloniphile.
| 0.849068 |
i know how difficult this is and i understand the concern that many of our compatriots have about how these regulations are interfering and limiting their rights.
| ndiyayazi ukuba kunzima kangakanani kwaye ndiyiqonda inkxalabo abathandi besizwe bakuthi abaninzi abanayo malunga nokuba le mimiselo iwachaphazela kwaye iwathintela njani na amalungelo abo.
| 0.894276 |
but all this is necessary.
| kodwa konke oku kuyimfuneko.
| 0.881744 |
our overriding objective is the preservation of life.
| eyona njongo yethu ibalaseleyo kukukhuselwa kobomi.
| 0.89496 |
social distancing and proper hygiene are still our best and only defences in this struggle.
| ukungasondelelani kwabantu nokugcina imithetho yezempilo lolona khuseleko lungcono nekukuphela kwalo esinalo kulo mlo.
| 0.812184 |
this is what informs the regulations we have put in place for level 4 of our response.
| kuko oku ekusekelwe kuko imimiselo esiyimiseleinqanaba lesi4 lokusabela kwethu.
| 0.81946 |
our considerations are based on empirical evidence, scientific and economic data and international best practice.
| iingqwalasela zethu zisekwe kubungqina obugxile kumava, kwiindaba ezaziwayo, kwezenzululwazi noqoqosho nezona ndlela zingcono zokwenza kwezizwe ngezizwe.
| 0.884972 |
in the 1995 judgment of the constitutional court that outlawed capital punishment, jus tice arthur chaskalson wrote: "the rights to life and dignity are the most important of all human rights and the source of all other personal rights.
| kwisigwebo sowe1995 senkundla yomgaqosiseko esenza ukuba singabikho mthethweni isigwebo sentambo, ujaji arthur chaskalson wabha la wathi: "ilungelo lokuphila nelungelo lesidima ngawona malungelo abaluleke kakhulu kunawo onke amalungelo oluntu kwaye angunozala wawo onke amanye amalungelo umntu anawo.
| 0.914316 |
by committing ourselves to a society founded on the recognition of human rights we are required to value these two rights above all others.
| ngokuzibophelela kwethu kuluntu olusekwe ekuhlonipheni amalungelo oluntu, silindeleke ukuba siwaxabise la malungelo mabini ngaphezu kwawo nawaphi na amanye amalungelo."
| 0.841075 |
"the regulations we have put in place are founded on that commitment to life and dignity, and which justify – in these extreme circumstances – temporary restrictions on other rights, like freedom of movement and association.
| le mimiselo siyimiseleyo isekwe kwesi sibophelelo sobomi nesidima, nesinika ilungelo – kwezi meko zinzima – isithi ntelo sethutyana kwamanye amalungelo, afana nelungelo lokuhamba ngokukhululekileyo nokuzibandakanya.
| 0.881535 |
in doing this, south africa is not unlike many other countries.
| ngokwenza njalo, umzantsi afrika awohlukanga kwamanye amazwe amaninzi.
| 0.862505 |
an estimated onefifth of the world’s population is under quarantine or nationwide lockdown, with this number growing rapidly in response to rising infections.
| kuthelekelelwa ukuba sisinye kwisihlanu sabantu kuluntu lwehlabathi jikelele oluphantsi kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, nokukhula kweli nani ngokuphindaphindana ngokuphendula kusuleleko olwandayo.
| 0.846222 |
this includes countries with substantially larger populations than ours, like india with its 1.5 billion people.
| oku kuquka amazwe anoluntu oluninzi kakhulu kunolwethu, afana neindiya enabantu bayo abafikelela kwi1.5 yeebhiliyoni zabantu.
| 0.910865 |
dozens of countries have imposed curfews such as the one that is now in place here.
| uninzi lwamazwe lumisele imiqathango yokuba kuhlalwe ngendlu nexesha ekungahanjwa ngalo efana naleyo ikhoyo ngoku apha.
| 0.765348 |
limitations on movement are in place in a number of countries.
| amazwe amaninzi amisele ukuthintelwa kokuhamba koluntu.
| 0.729761 |
in the uk and the french capital, paris, public exercise is limited to certain hours and within a certain distance of one’s home.
| euk nakwidolophu eyintloko yasefransi, iparis, ukuzivocavoca kwindawo kawonkewonke kumiselwe ukuba kwenzeke phakathi kwamaxesha athile naphakathi komgama othile uku suka kwikhaya lomntu lowo.
| 0.898438 |
Subsets and Splits
No community queries yet
The top public SQL queries from the community will appear here once available.